MTHATHA – Ungene tsotsololo ezingxakini owayesakuba yikumkanikazi yekumkani yabaThembu uKing Buyelekhaya Dalidyebo lowo yinkosikazi uNolubabalo ‘Babsi’ Mcinga.
Umtshato wabo ufane nqwa nomlilo weendiza nanjengoko ubulatyuza amadangatye phezulu. Zintathu qha iinyanga betshatile wacima umlilo.
UNolubabalo ‘Babsi’ Mcinga nobenikwe igama elitsha elinguQueen Khazela(42) ngusomashishini, unceda abantu abahluphekayo kwaye ukwanguye nombhali weencwadi.
Ubenethemba lokuba uzakutya ikilimesi yakhe yokuqala nekumkani suke loo mathemba atshabalala ngephanyazo.
I-Kumkani yabaThembu uKing Buyelekhaya Dalindyebo(59) noQueen Khazela bafikelele kwisithuba nesigqibo sokuba bazichithe iintente, impuku nganye ingene kumngxuma wayo.
Yonke le mbunda-ndimunye nalojijiji sinkwempana ngawo esi sibini uza ngqo emveni kwentlungu ejongene nayo ikumkanikazi nanjengoko ilahlekelwe nguZahara obengumhlobo omkhulu kuyo.
Le kumkanikazi iyizobe njengeyona meko yakhe yabuhlungu ebomini bayo le kuzo zonke izinto eziqhele ukumehlela.
Uthi rhoqo ezinzulwini zobusuku uye avuke athandaze nto leyo ikumkani ibingayithandi. Ekungawuthandini kwayo umthandazo yamyalela ukuba ohlukane nokuyithandazela.
Imfono-mfono yakhe yathathwa kwaye wavalwa ukuba abeyinxalenye okanye isithethi kwimisitho yeMajor Events ngenxa yeengxaki enazo ikumkani nalenkampani.
Ephokoza imbilini yakhe uqhube wathi akanqweneni ukudakanca zonke izinto ebezisenzeka ebhotweni nanjengoko eyihlonipha ikumkani le kodwa imeko yakhe uyizobe yabuhlungu oko wathi wangena kulomtshato weenyanga ezintathu.