UThandulwazi Thomas ngumsunguli House-87 eligugu elifihliweyo elibekwe entliziyweni yeKhwikhwini, kwisitrato 87 Caxtone eMonti. I-House 87 yasekwa ngomhla wama-14 kweyoMdumba kunyaka wama- 2022. UThandulwazi ongusomashishini wentlalo ozinikeleyo onesidanga se-Masters kwi-Business Administration. Le ndawo ichaza indlela, iincasa zaseMzantsi Afrika, ubugcisa nenkcubeko ezinamava nezixabisekileyo ngayo.
“Ndandidla ngokuthwala inqwelo erhuqwayo yokutya ukuya kwiminyhadala yomculo, imicimbi yezemidlalo, iikonsathi kwipaki yenyathi apho ndiza kuthengisa ukutya neziselo,” utshilo uThomas.
I-House 87 yindawo yeenkwenkwezi ezi-3 ezilinganiswe libutho lokutyelela eMzantsi Afrika(TGCSA), kwaye inikezela ngamava ahlukeneyo. Kulendawo unokulindela ukunambitha izidlo zemveli ezintle zaseMzantsi Afrika, ukusuka kwinyama eyojiweyo, uMleqwa, uGeme nesibindi, zonke zihamba kunye neJinja eyenziwe ekhaya.
E-House 87 uya kufumana indawo eguqukayo edibanisa imisebenzi eyahlukeneyo. Kukho imsebenzi yamagcisa asekuhlaleni ahombisa iindonga, kwaye angene kwiincwadi ezibhalwe ngababhali besiXhosa. Umoya ojikeleze umhlaba awukho nje ukufudumala, ngumbhiyozo odlamkileyo wobugcisa nenkcubeko yaseMzantsi Afrika. I-House 87 ayigxili kumava abantu kuphela, kodwa yindawo ehlanganisa abantu.
I-House 87 ingaphezulu nje kwesithuba sokuzonwabisa. Ikwayindawo eguquguqukayo enokuthi ibambe iminyhadala emincinci, ukusuka kumatheko kunye amatheko okubhiyozela imihla yokuzalwa, iintlanganiso kunye neendibano. Iqela elizinikeleyo likhathalela yonke into, ukusuka ekuphekeni ukuya kwimihombiso, liqinisekisa ukuba umsitho wakho uyimpumelelo.
UThandulwazi uthi i-House 87 ayiyondawo yokutyela nje kuphela koko yindawo enobugcisa nenkcubeko. I-House 87 ikholelwa ngamandla ekukhuliseni italente yasekuhlaleni, ukuxhasa uluntu oludlamkileyo lokuyila eMpuma Koloni. Iindonga zihonjiswe ngumsebenzi wamagcisa asekuhlaleni, kwaye le ndawo idla ngokuba nemisitho eqaqambisa iitalente zobugcisa zalo mmandla.
“Njengomntu okhulele kwikhaya elingathathi ntweni eMdantsane, ndabona ukuba kukho umsantsa kubugcisa nenkcubeko kwaye lo nto yenza ukuba ulutsha luzibone lungahoywanga kungoko ndafumana i-House 87 eza kuhlala kwaye ibenempembelelo entle kwimisebenzi yobugcisa nemiboniso. umbulelo,” wongeze watsho.
Ukuba ukhangela indawo ekhethekileyo yokubhiyozela, nokwenza iinkumbulo, i-House 87 yimpendulo. Khululeka kwizandi zomculo, ungcamle incasa yaseMzantsi Afrika, kwaye uzijulele kwilizwe lobugcisa. House 87 ingaphezulu nje kwendawo, ngamava, bubungqina bomoya wokuyila waseMpuma Koloni.
“Kufuneka siwaxhase amagcisa ethu akhulayo ukuze ahlonitshwe kumazwe ngamazwe kwaye ngaloo ndlela sizakube siphakamisa ubugcisa nenkcubeko kwiphondo leMpuma Koloni, nto leyo eza kubangela ukuba sihlonitshwe kwihlabathi jikelele.” uvale ngalo mazwi.
Ungashiywa ngaphandle, i-House 87 ilindile, ilungele ukukunceda ukuba ungcamle zonke iimvakalelo zakho