LIBODE – Lo nguhola wendlela uR61 ophakathi koMthatha neSajonisi okolona didi luphezulu nowakhiwe yinkampani yakwaSANRAL.
Urhulumente wasemakhaya kuMasipala waseNyandeni umatasa-tasa usebenzela uluntu ukuba lufumane iinkonzo ezisulungekileyo kodwa kukho izaphuselane ezigxobha-gxobha loo matile-tile karhulumente.
Kwisiphambuka esohlula uMthatha, Ngqeleni kunye neLibode kukho iblorho ekwelona nqanaba lakhe laphezulu, kuchithwe iimali ezinkulu kusakhiwa yona ukulungiselela abantu balangingqi neziphaluka.
Khange uMasipala aphelele nje ekwakheni le blorho yodidi uye wafaka izibani ezikhanyisela izitalato (Street Lights).
Ndithetha nawe nje ezozibani zithe ngqi ngezifuba phantsi zimbi zithe tywaa engceni. Oonqalintloko bemiguvela yalaa mmandla bathe gqolo ukwebana neentambo zombane kwezipali. Le bathi oondlebe zikhanyilanga yi’Cable Theft’.
Kuyarhaneleka ke ukuba leminqandandana yenza lo mkhwa iyazithengisa ezintambo ngenjongo zokufumana imali yokukhetha iziyobisi. Abanye bathi lemigulukudu ilungiselela ukukhuthuza kakuhle kuba xa kumhlophe abakwazi ukukhuthuza.
Ezipali zombani(Electrical Pylons) ziluncedo kakhulu nakubantu abaphuma ngobusuku emisebenzini yabo ingakumbi kwisitophu saseMahashini, abantu baseGxulu kuquka nokhuseleko lwesikolo iSehushe Commercial School belukwaxhomekeke kwezizibani.
Ayingebi imbuyisela umva na urhulumente wasemakhaya into yokuqhawulwa kweentambo zombani? Ngumbuzo nje ekumele sizibuze wona lowo.