EZEMFUNDO – Ingaba zizokuvulwa nini izikolo ngonyaka ka2024?
Izikolo kulindeleke ukuba zivulwe ngomhla weshumi elinesixhenxe(17) kweyoMqungu 2024 xakuqala ikota yokuqala.
Ikota yokuqala kulindeleke ukuba iphele ngomhla we-20 kweyoKwindla.
Ikota yokuqala ilungiselela abantwana kunye nabafundisi-ntsapho ixesha lokuba balungele unyaka wemfundo.
Ukati ikota yesibini izokuqala ngomhla wesibini kuTshazimpuzi iyokuma ngomhla we-14 kweyeSilimela.
Lekota iqinisekisa ngamandla ukuba abantwana basabambelele kumxholo wezemfundo kwaye bayibambile ikharityhulam(curriculum).
Ikota yesinqingatha sonyaka izokubancinci kulonyaka izokuqala ngomhla we-15 kweyeSilimela kude ibengumhla we08 kweyeKhala.
Unobangela woku kukuqinisekisa ukuba abantwana babuyela kwikota yesithathu bekulungele ukungena kuyo kwaye kukuzama nokusuduka kwingxushu-ngxushu abantwana abaye baphazamiseke yiyo ngexesha laleholide.
Ikota yesithathu izokuqala ngomhla we09 kweyeKhala iphele ngomhla we20 kweyoMsintsi, lekota iqinisekisa ukuba abantwana baqoshelisa umsebenzi wokuphela konyaka kwaye balungiselele neminye imisebenzi yesikolo yokuphela konyaka.
Ukongeza ikota yokugqibela izakuqala ngomhla wokuqala kweyeDwarha iphele ngomhla we05 kweyoMnga apho abantwana bazokube kulindeleke ukuba baye kwiiholide zokuphela konyaka.